15 Wathi kuBhalaki, Yenjenje ukuma ngasedinini lakho elinyukayo, ndenjenje mna ukuhlangabeza uYehova.
16 UYehova waqubisana noBhileham, wabeka ilizwi emlonyeni wakhe, wathi, Buya uye kuBhalaki, wenjenje ukuthetha.
17 Wafika ke kuye; nanko emi ngasedinini lakhe elinyukayo, nabathetheli bakwaMowabhi benaye; wathi uBhalaki kuye, Úthethé ntoni na uYehova?
18 Wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi,Suka ume, Bhalaki uve;Ndibekele indlebe, nyana kaTsipore.
19 UThixo akamntu ukuba athethe amanga,Akanyana waluntu ukuba azohlwaye.Etshilo nje yena, akayi kwenza na?Ethethile nje, akayi kufeza na?
20 Yabona, ndamkéle ukusikelela;Úsikelele, ke andinakukubuyisa.
21 Akaboni butshinga kuYakobi,Akaboni bubi kuSirayeli.UYehova uThixo wakhe unaye,Ukuduma kokumkani kuphakathi kwakhe.