2 Wenza ke uBhalaki njengoko wathethayo uBhileham. Bathi ooBhalaki noBhileham benyusa kwisibingelelo ngesibingelelo inkunzi entsha yenkomo nenkunzi yemvu.
3 Wathi uBhileham kuBhalaki, Yima wena ngasedinini lakho elinyukayo, ndihambe mna; mhlawumbi uYehova woza kundihlangabeza, nelizwi asukuba endibonisa lona ndokuxelela ke. Waya eluqhayini.
4 UThixo waqubisana noBhileham; wathi yena kuye, Ndilungisé izibingelelo zasixhenxe, ndanyusa inkunzi entsha yenkomo nenkunzi yemvu kwisibingelelo ngesibingelelo.
5 UYehova wabeka ilizwi emlonyeni kaBhileham, wathi, Buya uye kuBhalaki, wenjenje ukuthetha.
6 Wabuya waya ke kuye. Nanko emi ngasedinini lakhe elinyukayo, yena nabathetheli bonke bakwaMowabhi.
7 Wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi,UBhalaki ukumkani wamaMowabhi undithabathe kwa-Aram,*Ezintabeni zasempumalanga, esithi,Yiza undiqalekisele uYakobi;Yiza ubhavumele uSirayeli.
8 Ndothini na ukuqalekisa angàmqalekisiyo uThixo?Ndothini na ukubhavumela angambhavumeliyo uYehova?