20 Yabona, ndamkéle ukusikelela;Úsikelele, ke andinakukubuyisa.
21 Akaboni butshinga kuYakobi,Akaboni bubi kuSirayeli.UYehova uThixo wakhe unaye,Ukuduma kokumkani kuphakathi kwakhe.
22 UThixo umkhupha eYiputa;Amendu akhe anjengawenqu.
23 Akukho zihlabo ngoYakobi,Akukho kuvumisa ngoSirayeli.Ngexesha elililo, kuthethwa kuYakobi nakuSirayeliInto ayenzayo uThixo.
24 Yabona, abantu besuka njengengonyamakazi;Baziphakamisa njengengonyam' induna.Àbalali phantsi, bade badle okuqwengiweyo,Basele igazi labahlatyiweyo.
25 Wathi uBhalaki kuBhileham, Uze ungabi sabaqalekisa, uze ungabi sabasikelela.
26 Waphendula uBhileham wathi kuBhalaki, Bendingathethanga na kuwe ndathi, Konke akuthethayo uYehova ndiya kwenza kona?