4 UThixo waqubisana noBhileham; wathi yena kuye, Ndilungisé izibingelelo zasixhenxe, ndanyusa inkunzi entsha yenkomo nenkunzi yemvu kwisibingelelo ngesibingelelo.
5 UYehova wabeka ilizwi emlonyeni kaBhileham, wathi, Buya uye kuBhalaki, wenjenje ukuthetha.
6 Wabuya waya ke kuye. Nanko emi ngasedinini lakhe elinyukayo, yena nabathetheli bonke bakwaMowabhi.
7 Wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi,UBhalaki ukumkani wamaMowabhi undithabathe kwa-Aram,*Ezintabeni zasempumalanga, esithi,Yiza undiqalekisele uYakobi;Yiza ubhavumele uSirayeli.
8 Ndothini na ukuqalekisa angàmqalekisiyo uThixo?Ndothini na ukubhavumela angambhavumeliyo uYehova?
9 Ngokuba, ndisencotsheni yamawa, ndiyambona;Ndisezindulini, ndibonisela yena.Yabona, ngabantu abahlala bodwa,Àbabalelwa phakathi kwazo iintlanga.
10 Ngubani na ongalubalayo uthuli lwakwaYakobi,Nesahlulo sesiné sakwaSirayeli ngokwenani?Umphefumlo wam mawufe ukufa kwabathe tye,Ukuphela kwam kube njengokwabo!