4 Wathi uYehova kuMoses, Thabatha bonke abaziintloko zabantu, ubabethelele abanetyala emnqamlezweni kuYehova phambi kwelanga, kubuyiswe ukuvutha komsindo kaYehova kumaSirayeli.
5 Wathi uMoses kubagwebi bakwaSirayeli, Bulalani elowo abantu bakhe, abazibandakanyileyo noBhahali-pehore.
6 Kwabonakala ke indoda yakoonyana bakaSirayeli, ifika isondeza kubazalwana bayo umMidiyanekazi emehlweni kaMoses, nasemehlweni ebandla lonke loonyana bakaSirayeli, ababelila emnyango wentente yokuhlangana.
7 Wabona uPinehasi, unyana kaElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, wesuka phakathi kwebandla, wathabatha umkhonto ngesandla sakhe.
8 Wayilandela indoda engumSirayeli, waya egumbini, wabahlaba amahlànza bobabini, indoda engumSirayeli, nenkazana leyo esiswini sayo. Sathintelwa ke isibetho koonyana bakaSirayeli.
9 Abafáyo ngesibetho baba ngamawaka amashumi amabini anamané.
10 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,