20 Oonyana bakaYuda ngokwemizalwane yabo babengaba: nguShela ozala amaShela; nguPeretse ozala amaPeretse; nguZera ozala amaZera.
21 Oonyana bakaPeretse babengaba: nguHetseron ozala amaHetseron; nguHamuli ozala amaHamuli.
22 Yiyo leyo imizalwane yakwaYuda, ngokwababalwáyo kubo: amashumi asixhenxe anamathandathu amawaka, anamakhulu mahlanu.
23 Oonyana bakaIsakare ngokwemizalwane yabo; nguTola ozala amaTola;
24 nguPuwa ozala amaPuwa; nguYashubhi ozala amaYashubhi; nguShimron ozala amaShimron.
25 Yiyo leyo imizalwane yakwaIsakare, ngokwababalwáyo kubo: amashumi amathandathu anamané amawaka, anamakhulu mathathu.
26 Oonyana bakaZebhulon ngokwemizalwane yabo; nguSerede ozala amaSerede; nguElon ozala amaElon; nguYaleli ozala amaYaleli.