1 Zasondela iintombi zikaTselofehadi, unyana kaHefere, unyana kaGiliyadi, unyana kaMakire, unyana kaManase, zomzalwane kaManase, unyana kaYosefu. Ngawo ke la amagama eentombi zakhe ezo: uMala, noNoha, noHogela, noMilka, noTirtsa.
2 Zema phambi koMoses naphambi koElazare umbingeleli, naphambi kwezikhulu zebandla lonke emnyango wentente yokuhlangana, zathi,
3 Ubawo wafela entlango; yena wayengekho phakathi kwebandla labahlanganáyo ngoYehova ebandleni likaKora; ngokuba wafa ngesakhe isono, engabanga nanyana.
4 Yini na ke ukuba igama likabawo licinywe phakathi kwemizalwane yakhe, kuba engenanyana? Sinike ilifa phakathi kwabazalwana bakabawo.
5 UMoses wasibeka isimangalo sazo phambi koYehova.
6 Wathetha uYehova kuMoses wathi,
7 Iintombi zikaTselofehadi zilungisile ukuthetha; wòzinika ilifa phakathi kwabazalwana bakayise, ulihambisele kuzo ilifa likayise;