3 Xa ithe inkazana yabhambathisa isibhambathiso kuYehova, nokuba ithe yazibopha ngokuzikhanyeza, isendlwini kayise, isebuncinaneni bayo;
4 wasiva uyise isibhambathiso sayo nokuzikhanyeza kwayo, ebophe ngako umphefumlo wayo, wathi cwaka uyise kuyo: mazime zonke izibhambathiso zayo; nokuzikhanyeza kwayo konke, ebophe umphefumlo wayo ngako, makume.
5 Ukuba uthe uyise wayithiba ngomhla wokuziva kwakhe izibhambathiso zayo zonke, nokuzikhanyeza kwayo, ebophe umphefumlo wayo ngako, akuyi kuma; uYehova woyixolela, ngokuba eyithibile uyise.
6 Ke ukuba ithe yenda inesibhambathiso, nokuba inokuphololoza komlomo wayo, ebophe umphefumlo wayo ngako, yeva indoda,
7 yathi cwaka kuyo ngomhla wokuva kwayo, mazime izibhambathiso zayo; nokuzikhanyeza kwayo, ebophe umphefumlo wayo ngako, makume.
8 Ukuba indoda yayo ithe yayithiba ngomhla wokuva kwayo, yasaphula isibhambathiso sayo esiphezu kwayo, nokuphololoza komlomo wayo, ebophe umphefumlo wayo ngako: uYehova woyixolela.
9 Isibhambathiso somhlolokazi nesowaliweyo, yonke into abophe umphefumlo wakhe ngayo, mayime phezu kwakhe.