12 Amanye ke amarhamncwa ahlùthwa igunya lawo; noko ke bolulelwa ubomi okwethutyana nexeshana.
13 Ndabona emibonweni yasebusuku: nanko kusiza, ngamafu ezulu, onjengonyana womntu, wafika kuNyangelemihla, wasondezwa phambi kwakhe.
14 Wanikwa igunya, nobuhandiba, nobukumkani, ukuze zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi, zimbuse; igunya lakhe ligunya elingunaphakade, elingapheliyo; ubukumkani bakhe bobungayi konakaliswa.
15 Umoya wam, mna Daniyeli, wazibhijabhija phakathi komzimba, nemibono yentloko yam yandikhwankqisa.
16 Ndasondela komnye wababemi khona, ukuba ndicele kuye inyaniso ngezo zinto zonke; wathetha kum, ukuze andazise ukutyhilwa kwezinto.
17 La marhamncwa makhulu kakhulu mané ngookumkani abané, abaya kusuka beme ehlabathini.
18 Ke ubukumkani baya kubuthabatha abangcwele bOsenyangweni, babumé ubukumkani, kude kuse ephakadeni, kude kuse ephakadeni lamaphakade.