Uobhadiya 1 XHO75

Ikratshi likaEdom liya kuthotywa noSirayeli aphakanyiswe

1 Umbono kaObhadiya.Itshilo iNkosi uYehova ngokusingisele kwelakwaEdom, ukuthi, Sivé udaba oluvela kuYehova, kuthunywe isigidimi ezintlangeni sokuthi, Sukani nime, sisukele phezulu kulo, silwe nalo.

2 Yabonani, ndikwenzé wamncinane ezintlangeni, udelekile kakhulu.

3 Ukukhukhumala kwentliziyo yakho kukulukuhlile, wena uhleliyo emfanteni wengxondorha, okhaya liphezulu, othi entliziyweni yakhe, Ngubani na oya kundihlisela ehlabathini?

4 Ukuba ùthe wakhela phezulu njengexhalanga, nokuba ithe indlu yakho yabekwa phakathi kweenkwenkwezi, ndokuhlisa nalapho; utsho uYehova.

5 Ukuba amasela ebethe eza kuwe, ukuba amanyangaza ebethe eza ebusuku (hayi, ukunqunyulwa kwakho!), ebengayi kuba anele na? Ukuba babethe beza kuwe abavuni beediliya, babengayi kushiya okungàbhikicwayo na?

6 Hayi, ukuphengululeka kwezinto zakwaEsawu! Hayi ukukhanukwa kwezinto zakhe eziqhushekiweyo!

7 Onke amadoda abenqophisene nawe akukhaphile, ada esa emdeni; akulukuhlile, akweyisile amadoda abexolelene nawe. Isonka sakho asenze inxeba okulalwa ngalo, phantsi kwakho. Akukho kuqonda kuye.

8 Andiyi kuthi na ngaloo mini, utsho uYehova, ndizitshabalalise izilumko kwaEdom, neengqondi ezintabeni zakwaEsawu?

9 Aya kuqhiphuka umbilini amagorha akho, Teman, ukuze banqanyulwe bonke ezintabeni zakwaEsawu ngokubulawa.

10 Ngenxa yokumgonyamela kwakho umninawa wakho uYakobi, kuya kukugubungela ukudana, unqanyulwe ngonaphakade.

11 Ngemini owabumi malunga naye, mini abasemzini bathimba ubutyebi bakhe, abolunye uhlanga béza emasangweni akhe, bayenzela amaqashiso iYerusalem: nawe wawunjengomnye wabo.

12 Musa ukukhangela kwimini yomninawa wakho ngemini yeshwangusha lakhe, ungabavuyeleli oonyana bakaYuda ngemini yenkxwaleko yabo; ungàsineki ngemini yembandezelo.

13 Musa ukungena esangweni labantu bam ngemini yeshwangusha labo, ungakhangeli nawe ebubini babo ngemini yeshwangusha labo, ungasi sandla ebutyebini babo ngemini yeshwangusha labo.

14 Musa ukuma ekwahlukaneni kweendlela, ukuze unqumle abasabayo bakubo; ungabanikeli abaseleyo bakubo ngemini yembandezelo.

15 Ngokuba isondele imini kaYehova kuzo zonke iintlanga. Njengoko wenzé ngako, kuya kwenjiwa njalo kuwe; okwenzileyo kuya kubuyela entlokweni yakho.

16 Ngokuba njengoko niselé ngako entabeni yam engcwele, ziya kuhlala zisela ngokunjalo zonke iintlanga, zisèle zibizele, zibe njengabangàbángakho.

17 Ke, entabeni yeZiyon kuya kubakho okusindileyo, kube yingcwele; indlu kaYakobi izihluthe iindawo eyazihluthwayo.

18 Indlu kaYakobi iya kuba ngumlilo, nendlu kaYosefu ibe lilangatye; indlu kaEsawu ibe ziindiza, batshise phakathi kwabo, babadle, kungabikho usalayo wasendlwini kaEsawu; ngokuba uYehova uthethile.

19 Abakwelasezantsi bozithimba iintaba zakwaEsawu; nabasezithabazini bahluthe amaFilisti; bahluthe isisimi sakwaEfrayim, nesisimi sakwaSamari; uBhenjamin ahluthe elaseGiliyadi.

20 Abathinjwa bakule mpi yonyana bakaSirayeli baya kubahlutha abangamaKanan, bade base eTsarefa, abathinjwa baseYerusalem abaseSefaradi bahluthe imizi yelasezantsi.

21 Konyuka abasindisi entabeni yeZiyon, ukuze bazigwebe iintaba zakwaEsawu, ubukumkani bube bobu kaYehova.

kwizahluko

1