27 iBhete-haram, neBhete-nimra, neSukoti, neTsafon, amasalela obukumkani bukaSihon ukumkani weHeshbhon, iYordan nommandla wayo, wesa ekupheleni kolwandle lwaseKinerete, phesheya kweYordan ngasempumalanga.
28 Lilo elo ilifa loonyana bakaGadi ngokwemizalwane yabo, imizi yabo, nemizana yabo.
29 UMoses wasinika ilifa isiqingatha sesizwe sakwaManase. Laba lelesiqingatha sesizwe soonyana bakaManase ngokwemizalwane yabo.
30 Umda wabo wathabathela eMahanayim: iBhashan yonke, bonke ubukumkani bukaOgi ukumkani waseBhashan, nemizana yonke yakwaYahire eseBhashan, imizi emashumi mathandathu.
31 Nesiqingatha saseGiliyadi, neAshtaroti, ne-Edreyi, imizi yobukumkani bukaOgi eBhashan, yaba yeyoonyana bakaMakire, unyana kaManase, isiqingatha soonyana bakaMakire ngokwemizalwane yabo.
32 Ngawo lawo amafa awawabayo uMoses ezinkqantosini zakwaMowabhi phesheya kweYordan, malunga neYeriko ngasempumalanga.
33 Ke isizwe sakwaLevi uMoses akasinikanga lifa. NguYehova uThixo kaSirayeli ilifa laso, njengoko wathethayo kuso.