15 Wenyuka khona waya kubemi baseDebhiri; igama leDebhiri laliyiKiriyati-sefere ngenxa engaphambili.
16 Wathi uKalebhi, Othe wayibulala iKiriyati-sefere, wayithimba, ndomnika intombi yam, uAkesa, ibe ngumkakhe.
17 Wayithimba uOteniyeli unyana kaKenazi, umzalwana kaKalebhi; wamnika ke intombi yakhe, uAkesa, yangumkakhe.
18 Kwathi ekuzeni kwayo, yamvuselela ukuba acele umhlaba kuyise wayo; yehla e-esileni layo. Wathi uKalebhi kuyo, Yintoni na?
19 Yathi, Ndinike into, ngokuba undiniké umhlaba ongenamanzi; ndinike nemithombo yamanzi. Wayinika ke imithombo yasentla, nemithombo yasezantsi.
20 Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaYuda ngokwemizalwane yabo.
21 Imizi ethabathele ekupheleni kwesizwe soonyana bakaYuda, yesa emdeni wakwaEdom ezantsi, yabe iyiKabhetseli, ne-Edere, neYagure,