5 alabe libe zizabelo ezisixhenxe; uYuda eme emdeni wakhe ngasezantsi, indlu kaYosefu ime emdeni wayo ngasentla.
6 Nina ke nilibhale ilizwe lezabelo ezo zisixhenxe, niyizise ingxelo kum apha, ndiniwisele amaqashiso phambi koYehova uThixo wethu apha.
7 Kuba abaLevi àbanasabelo phakathi kwenu, kuba ilifa labo bububingeleli bukaYehova; ke uGadi noRubhen nesiqingatha sesizwe sikaManase basebelithabathile ilifa labo awabanika lona uMoses, umkhonzi kaYehova, phesheya kweYordan ngasempumalanga.
8 Asuka ke amadoda lawo ahamba. UYoshuwa wabawisela umthetho abo bahambáyo beya kulibhala ilizwe, esithi, Yiyani, nilihambe ilizwe, nilibhale, nize nibuyele kum, ndiniwisele amaqashiso phambi koYehova eShilo apha.
9 Aya ke amadoda lawo, acanda ezweni apho, alibhala ngokwemizi, ngokwezabelo ezisixhenxe encwadini; eza ke kuYoshuwa eminqubeni eShilo.
10 Waza uYoshuwa wawawisela amaqashiso eShilo phambi koYehova; uYoshuwa wababela ilizwe oonyana bakaSirayeli khona ngokweentlantlu zabo.
11 Kwavela iqashiso lesizwe soonyana bakaBhenjamin ngokwemizalwane yabo; umda weqashiso labo waphuma phakathi koonyana bakaYuda noonyana bakaYosefu.