33 Umda wabo wathabathela eHelefe, eMiokini* yaseTsahanayim, neAdami-nekebhe, neYabheneli, wesa eLakum; nokuma kwawo, wema ngeYordan;
34 wabuya umda, wasinga entshonalanga eAzenotitabhore, waphuma khona waya eHukoki, wafikelela kwelakwaZebhulon ngasezantsi, wafikelela kwelakwa-Ashere ngasentshonalanga, nelakwaYuda eYordan ngasempumalanga.
35 Imizi enqatyisiweyo yaba yiTsidim, neTsere, neHamati, neRakati, neKinerete,
36 neAdama, neRama, neHatsore,
37 neKedeshe, ne-Edreyi, ne-En-hatsore,
38 neIron, neMigdali-eli, neHorem, neBhete-anati, neBhete-shemeshe: imizi elishumi elinesithoba inemizana yayo.
39 Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaNafetali, ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo.