7 Amadoda awasukela ngendlela yaseYordan eya emazibukweni; lavalwa isango emveni kokuba bephumile abo basukelayo.
8 Engekalali amadoda, yenyuka yona yaya kuwo phezu kwendlu; yathi kuloo madoda,
9 Ndiyazi ukuba uYehova uninikile eli lizwe; nokuba sìwelwe luqhiphuko-mbilini ngani; nokuba bathé amandla bonke abemi beli lizwe ebusweni benu.
10 Kuba sivile ukuba uYehova wawomisa amanzi oLwandle oluBomvu* phambi kwenu ekuphumeni kwenu eYiputa; noko nakwenzayo kookumkani bobabini bama-Amori, ababephesheya kweYordan, ooSihon no-Ogi, enabasingela phantsi.
11 Sivile ke, zanyibilika iintliziyo zethu, akwaba sabakho kuqina kwamxhelo mntwini ngenxa yenu; ngokuba uYehova uThixo wenu nguye uThixo emazulwini phezulu, nasehlabathini phantsi apha.
12 Kaloku khanindifungele uYehova, nithi, kuba ndinenzele inceba, niyenzele inceba nani indlu kabawo, nindinike umqondiso wenyaniso;
13 nimsindise ubawo, noma, nabanakwethu, noodade bethu, neento zonke abanazo, niyihlangule imiphefumlo yethu ekufeni.