20 Akamenezanga yini na uAkan, unyana kaZera, ngobumenemene entweni esingelwe phantsi, kwaza kwabakho uburhalarhume phezu kwebandla lonke lamaSirayeli? Loo mntu mnye akatshabalalanga yedwa ngobugwenxa bakhe.
21 Baphendula oonyana bakaRubhen, noonyana bakaGadi, nesiqingatha sesizwe soonyana bakaManase, bathetha neentloko zamawaka akwaSirayeli, bathi,
22 UThixo, uThixo uYehova, uThixo, uThixo uYehova, uyazi, amaSirayeli ayakwazi, ukuba oko kwenziwe ngokugwilika na, nangokumeneza kuYehova.
23 Ùze ungàsisindisi namhlanje, ukuba sizakhéle isibingelelo sokusibuyisa ekulandeleni uYehova, nokuba sinyusa phezu kwaso idini elinyukayo, nomnikelo wokudla, nokuba senzele phezu kwaso imibingelelo yoxolo: uYehova ngokwakhe makakubuze oko.
24 Inene, siyenze le nto ngesithukuthezi, ngethuba lokuthi, Ngexesha elizayo bothi oonyana benu koonyana bethu, Yintoni na enani noYehova, uThixo kaSirayeli?
25 UYehova umise umda oyiYordan phakathi kwethu nani, nyana bakaRubhen, nyana bakaGadi; aninasabelo kuYehova nina: oonyana benu bénze ukuba oonyana bethu bayeke ukumoyika uYehova.
26 Sithé ke, Makhe sizenzele, sizakhele isibingelelo, singesadini linyukayo, singesambingelelo;