6 Kuba oonyana bakaSirayeli bahamba iminyaka emashumi mané entlango, lwada lwaphela lonke uhlanga olungamadoda okulwa awaphumayo eYiputa, angaliphulaphulanga izwi likaYehova; awawafungelayo uYehova ukuba akayi kuwabonisa elo zwe, walifungela ooyise ukuba uya kusinika, ilizwe elibaleka amasi nobusi.
7 Ke oonyana babo, awabavelisayo esikhundleni sabo, wabalùsa bona uYoshuwa; kuba babengalukile, ngokuba babengabalùsanga endleleni.
8 Kwathi bakuba belugqibile ukulwalùsa lonke uhlanga, bahlala endaweni yabo eminqubeni bada baphola.
9 Wathi uYehova kuYoshuwa, Namhla ingcikivo yeYiputa ndiyiqengqile, yesuka kuni; kwathiwa igama laloo ndawo yiGiligali* unanamhla.
10 Bamisa iintente oonyana bakaSirayeli eGiligali, benza ipasika ngosuku lweshumi elinesiné lwenyanga, ngokuhlwa, ezinkqantosini zaseYeriko.
11 Badla iziveliso zelo zwe ngengomso lepasika, izonka ezingenagwele namakhweba, ngenkqu yayo loo mini.
12 Yaphela imana* ngengomso, emva kokudla kwabo iziveliso zelo zwe; ababa saba namana oonyana bakaSirayeli; badla ungeniselo lwelo zwe lakwaKanan ngaloo mnyaka.