1 Ke iYeriko ibihleli ivaliwe ngenxa yoonyana bakaSirayeli; akwabakho uphumayo, akwabakho ungenayo.
2 Wathi uYehova kuYoshuwa, Khangela, ndiyinikele esandleni sakho iYeriko, nokumkani wayo, namagorha anobukroti.
3 Nowujikeleza umzi nonke, nina madoda okulwa, niwuzunguleze umzi isihlandlo sibe sinye; wenjenjalo imihla emithandathu.
4 Ke isixhenxe sababingeleli sophatha izigodlo ezisixhenxe zokuhlaba umkhosi phambi kwetyeya. Nowujikeleza umzi ngomhla wesixhenxe izihlandlo zibe sixhenxe, ababingeleli baquphe ukuvuthela ngezigodlo.
5 Kothi ke, ekoluleni ukuvuthela ngesigodlo sokuhlaba umkhosi, ekusiveni kwenu isandi sesigodlo, badume ngokuduma okukhulu bonke abantu, luwe udonga lomzi luthi bhuma, benyuke ke abantu, elowo athi ngqo malunga naye.