4 Ke isixhenxe sababingeleli sophatha izigodlo ezisixhenxe zokuhlaba umkhosi phambi kwetyeya. Nowujikeleza umzi ngomhla wesixhenxe izihlandlo zibe sixhenxe, ababingeleli baquphe ukuvuthela ngezigodlo.
5 Kothi ke, ekoluleni ukuvuthela ngesigodlo sokuhlaba umkhosi, ekusiveni kwenu isandi sesigodlo, badume ngokuduma okukhulu bonke abantu, luwe udonga lomzi luthi bhuma, benyuke ke abantu, elowo athi ngqo malunga naye.
6 UYoshuwa, unyana kaNun, wababiza ababingeleli, wathi kubo, Thwalani ityeya yomnqophiso, ababingeleli abasixhenxe baphathe izigodlo ezisixhenxe zokuhlaba umkhosi phambi kwetyeya kaYehova.
7 Bathi ebantwini, Dlulani niwujikeleze umzi, abaxhobileyo bagqithele phambi kwetyeya kaYehova.
8 Kwathi, xenikweni uYoshuwa abetshilo ebantwini, ababingeleli abasixhenxe, abaphethe izigodlo ezisixhenxe zokuhlaba umkhosi phambi koYehova, bagqitha, baqupha ukuvuthela ngezigodlo, ityeya yomnqophiso kaYehova ibalandela.
9 Abaxhobileyo bahamba phambi kwababingeleli abaquphayo ukuvuthela ngezigodlo; abasemva belandela ityeya, kuhanjwa kuqutshwa ukuvuthela ngezigodlo.
10 UYoshuwa wabawisela umthetho abantu, wathi, Ize ningadumi, ningalivakalisi ilizwi lenu, kungaphumi nto emlonyeni wenu, kude kube yimini endothi kuni, Dumani; nidume ke.