28 Wayitshisa ke uYoshuwa iAyi, wayenza umwewe ongunaphakade, inxowa unanamhla.
29 Wamxhoma emthini ukumkani waseAyi kwada kwalixesha langokuhlwa; lakutshona ilanga, wawisa umthetho uYoshuwa ukuba basithule isidumbu sakhe emthini; basiphosa esithubeni sesango lomzi, bamisa phezu kwaso imfumba enkulu yamatye; ikhona unanamhla.
30 Waza uYoshuwa wamakhela uYehova uThixo kaSirayeli isibingelelo entabeni ye-Ebhali, njengoko uMoses,
31 umkhonzi kaYehova, wabawiselayo oonyana bakaSirayeli umthetho, njengoko kubhaliweyo encwadini yomyalelo kaMoses: isibingelelo samatye awonke esingasetyenzwanga ngantsimbi. Banyusa phezu kwaso amadini anyukayo kuYehova, babingelela imibingelelo yoxolo.
32 Wabhala khona ematyeni, wawuphinda ukuwubhala umyalelo kaMoses, awawubhalayo phambi koonyana bakaSirayeli.
33 Onke amaSirayeli, namadoda awo amakhulu, nababhali, nabagwebi bawo, ema ngapha nangapha kwetyeya, phambi kwababingeleli abangabaLevi, abathwele ityeya yomnqophiso kaYehova, owasemzini enjengozalwayo; esinye isiqingatha sabo simalunga nentaba yeGerizim, esinye isiqingatha sabo simalunga nentaba ye-Ebhali; njengoko uMoses umkhonzi kaYehova wawisayo umthetho ngenxa engaphambili, ukuba basikelelwe abantu bakwaSirayeli.
34 Emveni koko wawalesa onke amazwi omyalelo, iintsikelelo neziqalekiso, ngako konke okubhaliweyo encwadini yomyalelo.