1 Kwathi, bakuva bonke ookumkani abanganeno kweYordan ezintabeni, nasezihlanjeni, nangaselwandle lonke olukhulu, kwasingisa eLebhanon, amaHeti, nama-Amori, namaKanan, namaPerizi,
2 namaHivi, namaYebhusi, babuthelana ndawonye, ukuba balwe ngamxhelo mnye noYoshuwa namaSirayeli.
3 Ke abemi baseGibheyon beva oko akwenzileyo uYoshuwa kwiYeriko, nakwiAyi,
4 benza nabo ngobuqhophololo. Baya bazenza izigidimi, babeka iingxowa ezonakeleyo emaesileni abo, neentsuba zewayini ezonakeleyo, ezikrazukileyo, ezibotshiweyo,
5 neembadada ezonakeleyo, ezixoliweyo, ezinyaweni zabo; bambatha neengubo ezonakeleyo; nesonka sonke somphako wabo besomile, besingundile kunene.
6 Beza kuYoshuwa emkhosini eGiligali, bathi kuye nakumadoda akwaSirayeli, Sivela ezweni elikude; simiseleni ngoko umnqophiso.