20 Masenjenje kubo: masibasindise, kungabikho burhalarhume phezu kwethu ngenxa yesifungo esabafungela sona.
21 Zathi izikhulu kubo, Mabadle ubomi; mababe ngabathezi beenkuni nabakhi bamanzi bebandla lonke; njengoko zathethayo izikhulu kubo.
22 Wababiza ke uYoshuwa, wathetha kubo, esithi, Nisikhohliseleni na, nisithi, Simgama kakhulu kuni; kanti nihleli kwaphakathi kwethu?
23 Niqalekisiwe ngoko; kuni akuyi kunqumka bakhonzi, bathezi beenkuni, bakhi bamanzi bendlu kaThixo wam.
24 Baphendula bathi kuYoshuwa, Baxelelwa ngokuqinisekileyo abakhonzi bakho, okokuba uYehova uThixo wakho wamwisela uMoses umkhonzi wakhe umthetho, ukuba úya kuninika lonke ilizwe, nokuba úya kubatshabalalisa bonke abemi belizwe ebusweni benu; sayoyikela kunene ke imiphefumlo yethu ebusweni benu, senza le nto ke.
25 Kalokunje nanku sisesandleni sakho; yenza njengoko kulungileyo, njengoko kuthe tye emehlweni akho ukwenza kuthi.
26 Wenjenjalo ke kubo, wabahlangula esandleni soonyana bakaSirayeli, àbababulala.