2 ungekazali ummiselo (kuba imini le idlula njengomququ), kungekanifikeli ukuvutha komsindo kaYehova, ingekanifikeli imini yomsindo kaYehova.
3 Funani uYehova, nonke balulamileyo belizwe, bakwenzileyo okusesikweni kwakhe; funani ubulungisa, funani ululamo, mhlawumbi nòsitheliswa ngemini yomsindo kaYehova.
4 Ngokuba iGaza iya kuba sisishiywa, neAshkelon ibe linxuwa; iAshdode iya kugxothwa emini emaqanda, inyothulwe iEkron.
5 Uha, abemi becandelo laselwandle, uhlanga lwamaKreti! Ilizwi likaYehova lichasene nani, Kanan, lizwe lamaFilisti. Ndokutshabalalisa ke, kungabikho ukúmayo.
6 Icandelo laselwandle liya kuba ngamakriwa, nemiqolomba yabalusi, libe zizibaya zempahla emfutshane.
7 Loba licandelo lamasalela endlu yakwaYuda; aya kwalúsela kulo, abuthe ezindlwini zaseAshkelon ngokuhlwa; kuba uya kuwavelela uYehova uThixo wawo, akubuyise ukuthinjwa kwawo.
8 Ndikuvile ukungcikiva kukaMowabhi, nokunyelisa koonyana baka-Amon, ababangcikive ngako abantu bam, bazikhulisa emdeni wabo.