1 Ngaloo mini kuya kubakho ithende elivulelwe indlu kaDavide nabemi baseYerusalem, ngenxa yesono nangenxa yokungcola.
2 Kothi ngaloo mini, utsho uYehova wemikhosi, ndiwanqumle amagama ezithixo elizweni, zingabi sakhunjulwa; nabaprofeti nomoya wobunqambi ndibagqithise, bangabikho ezweni apha.
3 Kothi xa athe wabuya waprofeta ubani, bathi kuye uyise nonina abamzalayo. Akuyi kuphila, kuba uthethé ubuxoki egameni likaYehova. Uyise nonina abamzalayo bomhlaba amahlanza ngenxa yokuprofeta kwakhe.
4 Kothi ngaloo mini, badane abaprofeti, elowo ngumbono wakhe, ekuprofeteni kwakhe, bangàmbathi ngubo ixhonti yokuze bakhohlise.
5 Wóthi, Àndimprofeti, ndingumntu olima umhlaba; kuba wandithenga umntu ndisemncinane.
6 Kothiwa kuye, Ayini na la manxeba asezandleni zakho? athi, Ngandangxwelerhwa ngawo endlwini yabazizihlobo zam.