12 Siso esi isibetho aya kuzibetha ngaso uYehova zonke izizwe eziyiphumele umkhosi iYerusalem: uya kuyingcungcuthekisa inyama yomntu, emi ngeenyawo zakhe, aphelele amehlo akhe emakrolomeni awo, luphelele ulwimi lwakhe emlonyeni wakhe.
13 Kothi ngaloo mini, sibe sikhulu isaqunge phakathi kwazo, siphuma kuYehova; babambe elowo isandla sommelwane wakhe, isandla sakhe siphakamele isandla sommelwane wakhe.
14 Naye uYuda uya kulwa nazo eYerusalem; buhlanganiswe ubutyebi beentlanga zonke ezingeenxa zonke, igolide, nesilivere, neengubo, into eninzi kakhulu.
15 Soba njalo isibetho kumahashe, nakoondlebende, nakwiinkamela, nakumaesile, nakwiinkomo zonke eziya kuba seminqubeni leyo, sibe njengeso sibetho.
16 Othi onke amaqongqolo eentlanga zonke ezibe ziyingenele iYerusalem, enyuke iminyaka ngeminyaka, aye kumnqula uKumkani, uYehova wemikhosi, enze umthendeleko weminquba.
17 Kothi emizalwaneni yehlabathi, osukuba engenyuki aye kumnqula eYerusalem uKumkani, uYehova wemikhosi, angànelwa mvula.
18 Uya kuthi umzalwane wamaYiputa ongathanga unyuke uze, anganelwa mvula; yoba sisibetho, aya kubetha ngaso uYehova zonke iintlanga ezingenyukiyo ziye kwenza umthendeleko weminquba.