17 Kothi emizalwaneni yehlabathi, osukuba engenyuki aye kumnqula eYerusalem uKumkani, uYehova wemikhosi, angànelwa mvula.
18 Uya kuthi umzalwane wamaYiputa ongathanga unyuke uze, anganelwa mvula; yoba sisibetho, aya kubetha ngaso uYehova zonke iintlanga ezingenyukiyo ziye kwenza umthendeleko weminquba.
19 Siya kuba seso isohlwayo sesono seYiputa, nesohlwayo sesono seentlanga zonke ezingenyukiyo ziye kwenza umthendeleko weminquba.
20 Ngaloo mini kuya kubhalwa emankentezeni amahashe, kuthiwe, BUBUNGCWELE KUYEHOVA; neembiza endlwini kaYehova zoba njengezitya zokutshiza eziphambi kwesibingelelo.
21 Zothi zonke iimbiza eYerusalem nakwaYuda zibe ngcwele kuYehova wemikhosi; beze bonke ababingelelayo, bathabathe kuzo, baphekele kuzo; ngaloo mini kungabi sabakho mKanan endlwini kaYehova wemikhosi.