12 Endikwenzayo ke ndiya kukwenza, ukuze ndibahluthe ithuba lokujinda abafuna ithuba; ukuze entweni abaqhayisa ngayo, bafunyanwe bekwanjengathi.
13 Kuba abo banjalo ngabapostile ababuxoki, ngabasebenzi abakhohlisayo, bezimilisa okwabapostile bakaKristu.
14 Ke àkummangaliso oko, kuba noSathana ngokwakhe uzimilisa okwesithunywa sokukhanya.
15 Akunto inkulu ke ngoko, ukuba abalungiseleli bakhe bazimilise okwabalungiseleli bobulungisa; abasiphelo siya kuba ngokwemisebenzi yabo.
16 Ndibuya ndithi, Makungabikho mntu uba ndingoswele ukuqonda; okanye ke kambe, ndamkeleni njengoswele ukuqonda, ukuze ke ndiqhayise kancinane nam.
17 Oku ndikuthethayo, andikuthethi ngokweNkosi; ndikuthetha ngokoswele ukuqonda, ndinoko kukholosa koqhayiso.
18 Ekubeni bebaninzi ke abaqhayisa ngokwenyama, ndoqhayisa nam.