8 àzaba nakweyisa, kanjalo ayaba safunyanwa indawo yazo emazulwini.
9 Yaphoswa phantsi inamba enkulu, inyoka yakudala, leyo kuthiwa nguMtyholi, uSathana ke, lowo ulilahlekisayo elimiweyo liphela; yaphoswa emhlabeni, nezithunywa zayo zaphoswa kunye nayo.
10 Ndaza ndeva izwi elikhulu emazulwini lisithi, Ngoku luthe usindiso, namandla, nobukumkani, lwaba lolukaThixo wethu, negunya laba lelikaKristu* wakhe; ngokuba ukhahlelwe phantsi ummangaleli wabazalwana bethu, lowo ubamangalelayo emehlweni kaThixo wethu imini nobusuku.
11 Bameyisile bona ngenxa yegazi leMvana, nangenxa yelizwi lobungqina babo; abawuthandanga umphefumlo wabo, kwada kwasekufeni.
12 Ngenxa yoko yibani nemihlali, nina mazulu, nani ninomnquba kuwo. Yeha, abo bawumiyo umhlaba nolwandle! ngokuba uhlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi nje ukuba ixesha analo lincinane.
13 Yaza yathi inamba, yakubona ukuba iphoswe emhlabeni, yamtshutshisa umfazi ozele umntwana oyinkwenkwe.
14 Umfazi wanikwa amaphiko amabini okhozi olukhulu, ukuze aphaphazele aye entlango, endaweni yakhe, apho anqakwa khona ixesha, namaxesha, nesiqingatha sexesha, kùde nobuso benyoka.