31 Kuyoyikeka ke ukweyela ezandleni zoThixo ophilileyo.
32 Zikhumbuzeni ke imihla yangaphambili, enakhanyiselwa ngayo, nanyamezela umzamo omkhulu weentlungu;
33 enaphatha ukuthi nenziwe isibonelo ngeengcikivo kwaneembandezelo, naphatha ukuthi nibe ngamadlelana nabo bahamba ngokunjalo.
34 Kuba navelana nam ndisezintanjeni; kananjalo nakwamkela ngovuyo ukuphangwa kweempahla zenu, nisazi ukuba ninayo kuni ngokwenu emazulwini eyona mpahla ilungileyo, ihlala ihleli.
35 Musani ukukulahla ngoko ukungafihlisi kwenu, kona kunokwamkela umvuzo omkhulu.
36 Kuba kufuneka ukuba nibe nomonde, ukuze nithi, nakuba nikwenzile ukuthanda kukaThixo, nizuzane nalo idinga.
37 Kuba kusaya kuba mzuzwana mncinanana,Athi lowo uzayo afike, angalibali.