6 Ke, lungekho ukholo, akunakubakho ukumkholisa kakuhle; kuba lowo uzayo kuThixo, umelwe kukukholwa ukuba ukho, nokuba ungumvuzi wabo bamfunayo.
7 Ngokholo uNowa, ehlatyelwe nguThixo ngazo izinto ebezingekabonwa, wathi ngokoyika uThixo wawakha umkhombe wokusindisa indlu yakhe, awathi ngalo waligweba ihlabathi, waba yindlalifa yobulungisa obungokokholo.
8 Ngokholo uAbraham wathi, akubizwa, wakululamela ukuba aphume, aye kuloo ndawo abeza kuyamkela ukuba ibe lilifa; waphuma ke, engazi kakuhle nalapho aya khona.
9 Ngokholo waba ngumphambukeli emhlabeni wedinga, wanga ukowasemzini, ehleli eminqubeni, ndawonye noIsake noYakobi, beziindlalifa zalo elo dinga ndawonye naye;
10 kuba wayewulindele umzi lo uneziseko, ungcibi, umbangi wawo, inguThixo.
11 Ngokholo noSara ngokwakhe wamkela amandla okumisa umzi, waza wazala, liseligqithile ixesha lokuba amithe, ekubeni wambalela ekuthini uthembekile lowo wabekayo ngedinga.
12 Kungoko kwazalwayo ngamnye, engofileyo ke lowo, into engangeenkwenkwezi zezulu ukuba yintabalala, nanjengentlabathi eselunxwemeni lolwandle, engenakubalwa.