26 olizwi oko lawuzamazamisayo umhlaba; ngoku ke ubeke ngedinga, esithi, Kusaya kuba ngumzuzwana endiya kuthi mna ndinganyikimisi mhlaba wodwa, ndinyikimise nalo izulu.
27 Oku kùthi ke, Kusaya kuba ngumzuzwana, kubonakalalisa ukuguqulwa kwezinto ezizanyazanyiswayo, ngathi kokwezenziweyo, ukuze zihlale zona ezingenakuzanyazanyiswa.
28 Masithi ngoko, sisamkela ubukumkani obungenakuzanyazanyiswa nje, sibe nombulelo, simkhonze ngawo uThixo ngokukholekileyo, sinokuhlonela nokoyika;
29 kuba uThixo wethu ungumlilo odlayo.