9 Kwaezo zinto nazifundayo, nazamkela, naziva, nazibona kum, yenzani zona ezo; waye uThixo woxolo eya kuba nani.
10 Ke kaloku ndaye ndivuya eNkosini kakhulu, ukuba ngoku kokugqibela kude kwathi ukukunyamekela kwenu okwam, kwabuya kwatyatyamba: enaye nikunyamekele okunene, koko ke naniswele ithuba.
11 Kungekuko ukuba ndithetha ngokuswela; kuba mna ndafunda ukuthi entlalweni endikuyo ndanele.
12 Ndiyazana nobuhlwempu, ndiyazana nobutyebi; kuko konke, nasezintweni zonke, ndiqhelanisiwe nokuhlutha kwanokulamba, nokutyeba kwanokuswela.
13 Ndinokuzenza izinto zonke, ndikulowo undomelezayo, uKristu.
14 Noko ke natyapha ukuba nobudlelane nam ngembandezelo.
15 Nani ke baseFilipi, niyazi ukuba, ekuqalekeni kweendaba ezilungileyo ezi, xenikweni ndaphumayo kwelaseMakedoni, akubangakho nalinye ibandla eladlelana nam, ngokusingisele emcimbini wokunikela nowokwamkela, yaba nini nedwa.