13 Kuba bonke abasukuba belinqula igama leNkosi bosindiswa.
14 Bothini na ke ukumnqula lowo bangakholwanga kuye? Bothini na ke ukukholwa kulowo bangamvanga? Bothini na ke ukuva, kungekho mshumayeli?
15 Bothini na ke ukushumayela, bengathunywanga? Njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Hayi, ukuba zintle kwazo iinyawo zabashumayela iindaba ezilungileyo zoxolo, zabashumayela iindaba ezilungileyo zezinto ezilungileyo!(UIsaya 52:7)
16 Àbazilulamelanga ke bonke iindaba ezilungileyo, kuba uIsaya uthi, Nkosi, ngubani na owakholwayo ludaba lwethu?
17 Ngoko ke ukholo luphuma eludabeni, udaba ke lukho ngelizwi likaThixo.
18 Ingaba kodwa, abevanga na? Ehla wena!Intlokoma yabo yaphuma, yaya kulo lonke ihlabathi,Namazwi abo aya eziphelweni zelimiweyo.(INdum. 19:4)
19 Ndithi, Kodwa ubengazi na uSirayeli? Ukuqala, uMoses uthi,Mna ndiya kunikhweletisa ngabangeluhlanga,Ndiya kunicaphukisa ngohlanga olungenangqondo.(IDut. 32:21)