5 esiya kubhalwa, enoMariya, umfazi lowo wayemganelwe, selekhulelwe.
6 Ke kaloku kwathi, xa bakhona, yazaliseka imihla yokuba azale.
7 Wamzala unyana wakhe wamazibulo, wamsongela eziqhiyeni, wamlalisa emkhumbini wesitali, ngenxa enokuba babengenandawo endlwini yabahambi.
8 Kwaye kukho abalúsi kwakwelo lizwe, behlala ezindle, belinda ebusuku imihlambi yabo.
9 Babona ngesithunywa seNkosi simi phezu kwabo, bathi nobuqaqawuli beNkosi bababengezelela ngeenxa zonke; besuka boyika ngokoyika okukhulu.
10 Isithunywa eso sathi kubo, Musani ukoyika; kuba, yabonani, ndinishumayeza iindaba ezilungileyo zovuyo olukhulu, oluya kuba kubo bonke bantu;
11 ngokuba nizalelwe namhlanje emzini kaDavide uMsindisi, onguKristu* iNkosi.