4 Akupheza ke ukuthetha, wathi kuSimon, Khwelelisela enzulwini, nihlise iminatha yenu, kubanjiswe.
5 Waphendula uSimon wathi kuye, Mongameli, sibulaleke ubusuku buphela, asabamba nento; kodwa ngelakho ilizwi ndiya kuwuhlisa umnatha.
6 Bathi, bakukwenza oko, bavingcela inkitha enkulu yeentlanzi; wawuqhaqheka ke umnatha wabo.
7 Bakhoba amahlulelana abo, abekomnye umkhombe, ukuba eze kuncedisana nabo. Beza, bayizalisa imikhombe yomibini, yada yafuna ukutshona.
8 Uthe ke akukubona oko uSimon Petros, wawa emadolweni kaYesu, esithi, Mka kum, ngokuba ndiyindoda engumoni, Nkosi.
9 Kuba wathi makatha, kwanabo bonke ababenaye, ngobanjiso lweentlanzi ezo bazibambisáyo.
10 Baba kwanjalo ke noYakobi noYohane, oonyana bakaZebhedi, ababengamadlelane noSimon.UYesu wathi kuSimon, Musa ukoyika; uya kuthabathela kweli xesha ubambisa abantu.