13 Abo ke baselulwalweni ngabasakuthi, bakuliva, balamkele ngovuyo ilizwi; aba ke àbanangcambu; bona bakholwa umzuzwana, ze bathi ngexa lokuhendwa balahle.
14 Leyo ke yawayo emithaneni enameva, ngabo bathi, belivile, bahambe benamaxhala nobutyebi neziyolo zobu bomi, baminxwe, baze bangavelisi siqhamo.
15 Ke leyo isemhlabeni omhle, ngabo bona bathi ngentliziyo entle, elungileyo, bakuliva ilizwi, balibambe, bavelise iziqhamo benomonde.
16 Akukho ke uthi, esilumekile isibane, asisibeke ngesitya, athi mhlawumbi asibeke ngaphantsi kwesingqengqelo; usibeka esiphathweni saso, ukuze abo bangénayo bakubone ukukhanya.
17 Kuba akukho nto ifihlakeleyo ingayi kubonakala; kanjalo akukho ifihlakeleyo ingayi kwazeka, ize ekuhléni.
18 Lumkani ngoko ukuva eniva ngako; kuba osukuba enako, uya kunikwa; nosukuba engenako, uya kuhluthwa noko ngathi unako.
19 Ke kaloku kwafika kuye unina nabazalwana bakhe, baza àbaba nako ukufikelela kuye ngenxa yesihlwele.