15 USamweli wesuka eGiligali waya eGibheya kummandla wakwaBhenjamin. USawule wawabala amadoda asele naye, wafumana ukuba amalunga namakhulu amathandathu.
16 USawule nonyana wakhe uJonatan kunye nomkhosi wabo babemise eGebha kummandla wamaBhenjamin. Wona amaFilistiya amisa eMikimashe.
17 Umkhosi wamaFilistiya wakhupha amahlelo amathathu. Elinye ihlelo laphuma laya ngaseOfra kummandla waseShuwali,
18 elinye laya ngaseBhete-horon, elesithathu labheka kwimida ejongene nentili iZebhoyim ngasentlango.
19 KwaSirayeli kwakungekho bakhandi, kuba amaFilistiya athi: “AmaHebhere osuka enze amakrele nemikhonto.”
20 Kwakufuneka amaSirayeli aye kumaFilistiya xa afuna ukulolelwa amakhuba namagaba, amazembe kunye neerhengqa zawo.
21 Kwakuhlawulwa iqhosha lemali ngokulola izembe nangokulungisa incula, abe mabini xa kulolwa isikali sekhuba okanye kubazwa iimviko.