1 Ke kaloku umfana uSamweli wayekhonza *kwaNdikhoyo phambi koEli. Ngaloo mihla udaba oluvela kuNdikhoyo lwalunqabile, kungekho mntu unemibono ivela kuye.
2 UEli wayenorhatyazo emehlweni kangangokuba wayebona luzizi. Ngabusuku buthile uEli wayelele endaweni yakhe,
3 uSamweli yena elele endlwini kaNdikhoyo apho kwakugcinwa khona ityesi yomnqophiso. Kwathi ekuzeni kokusa, isibane sisavutha,
4 uNdikhoyo wavakala ebiza uSamweli.Wasabela uSamweli esithi: “Ndim lo, mhlekazi!”
5 Wakhawuleza waya kuEli, wafika wathi: “Ndim lo; ubundibiza.”Wathi yena uEli: “Hayi, yiya kulala, mfo wam; andikhange ndikubize.” Waya kulala ke.
6 UNdikhoyo wabuya wambiza uSamweli. Wavuka ke umfana, waya kwakuEli, wathi: “Mhlekazi, uyandibiza. Ndim lo!”Kambe yena uEli wathi: “Hayi, andikubizanga; yiya kulala, mfo wam.”
7 Phofu umfana lo yena wayengekamazi uNdikhoyo; kaloku uNdikhoyo wayengekazityhili kuye ngelizwi lakhe.