7 Akuyiva loo nto uDavide wakhupha uJowabhi nomkhosi wonke wamagorha.
8 Ama-Amon aphuma akha uhlelo lokulwa ngasesangweni lesixeko. Ama-Aram aseZobha nawaseRehobhi, namadoda aseTobhi naseMaka, athi gingqi odwa phaya ethafeni.
9 Ke kaloku uJowabhi wabona ukuba uphahlwe ngumkhosi ngaphambili nangasemva. Ngoko ke wakhetha awona mabutho aphambili kwaSirayeli, wawamisa ajongana nama-Aram.
10 Elinye icandelo lomkhosi walinika umntakwabo uAbhishayi, waza wawahlela loo madoda ajongana nama-Amon.
11 UJowabhi wathi: “Ukuba athe andongamela ama-Aram la, kofuneka uze kundihlangula; ukanti ke xa ethe akongamela ama-Amon, nam ndoza kukuhlangula.
12 Uze uqine, silwe ngobukroti, ngenxa yabantu bethu, nangenxa yezixeko zikaThixo. UNdikhoyo uya kwenza oko kukholekileyo kuye.”
13 UJowabhi namabutho akhe bafunza kuwo ama-Aram, aza wona abaleka.