21 Ngubani na owabulala uAbhimeleki unyana kaJerubhesheti? Akafanga na eTebheze ngokugityiselwa ngumfazi ngelitye lokusila, emi ngaphezu kodonga. Benisondelelani kangaka kudonga lwesixeko?’ Uze ke uthi: ‘Nesicaka sakho u-Uriya umHeti ufile.’ ”
22 Eso sigidimi ke saya kufika kuDavide, safika samxelela wonke loo myalelo kaJowabhi.
23 Wenjenje loo mfo ukuthetha noDavide: “Mhlekazi, ziphumile iintshaba zethu esixekweni, saqubisana endle. Zithande ukusigqwesa, kodwa sazibetha zahlehla zaya kungena ngesango esixekweni.
24 Zithe xa silapho ngasesangweni zasidubula ngeentolo zimi eludongeni, zawachana amanye amajoni akho, mhlekazi. Ngokunjalo nesicaka sakho u-Uriya umHeti ufile.”
25 UDavide wathi kwisigidimi eso: “Uze uthi kuJowabhi: ‘Uzungavumi ukuba le nto ikutyhafise; kakade ikrele eli lidla kulo nakulowaa. Sihlasele ngamandla isixeko, usichithe.’ Uze utsho ke, umomeleze.”
26 Ke umka-Uriya weva ngokusweleka komyeni wakhe, waza wamzilela.
27 Lakudlula ixesha lenzila, uDavide wathi makaye kuthathwa, aze kuhlala ebhotwe, abe ngumkakhe. Wafika apho, wazala umntwana oyinkwenkwe. Kambe ke sona isenzo sikaDavide saba sibi emehlweni *kaNdikhoyo.