6 yaye ufanelwe kukuhlawuliswa ixabiso lelo takane ngokuphindwe kane, ngenxa yokuba enze ulunya olunje engenalo novelwano.”
7 Ke uNatan wathi kuDavide: “Loo ndoda nguwe! Utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: ‘Ndakuthambisa, ndakwenza ukumkani wamaSirayeli, ndakuhlangula esandleni sikaSawule.
8 Ndakunika umzi wenkosi yakho, abafazi bayo ndabanikela esifubeni sakho, ndakwenza ukumkani wakwaSirayeli nakwaJuda. Kanti ke ukuba bezinganelanga ezo zinto ndakwenzela zona, bendingakongezayo.
9 Khawutsho, ngani ukuba ulidele ilizwi likaNdikhoyo, khon' ukuze wenze okubi emehlweni akhe? U-Uriya umHeti umbulele ngekrele, wathatha umkakhe, wamenza umkakho. Ewe, umbulalise ngekrele lama-Amon.
10 Kungokunje ikrele alisobe liphele ukudla kulo mzi wakho, kuba undidelile wada wathatha nomka-Uriya umHeti wamenza umfazi wakho.’
11 Utsho ke uNdikhoyo ukuthi: ‘Ndiza kukuvusela isihelegu sento kwalapha phakathi komzi wakho. Abafazi bakho ndiza kubanikela kosondeleyo kuwe, alale nabo kujongiwe, ilanga lihlabe umhlaba.
12 Le nto ubuyenza ngasese wena, mna ndifuna yenziwe emini, ibonwa ngamaSirayeli onke.’ ”