13 Khona, mna ndoba yintoni lihlazo lam? Wena kungathiwa usesona sithwangathwanga sakha sakho kwaSirayeli. Ndiyacela ke, thetha nokumkani. Ndiqinisekile uya kuvuma ukundendisela kuwe.”
14 Kodwa akazange afune ukuva uAmnon, waza wamnyanzela, walala naye, kuba wayenamandla kunaye.
15 Emva koko uAmnon wamcaphukela uTamare ngentiyokazi eyaba ngaphezu kothando abenalo kuye ngaphambili. Uvakele selesithi kuye: “Hamba; phum' apha!”
16 “Hayi, andiphumi,” utshilo uTamare. “Yhu, eli hlazo lokundigxotha lingaphezu koqale wandenza lona.”Akayihoyanga yonke loo nto uAmnon,
17 usuke wabiza isicaka sakhe, wathi: “Khupha le ntombazana, imke apha, uze utshixe wakugqiba.”
18 Isicaka samkhupha uTamare, saza satshixa ucango.UTamare wayenxibe isambatho eside esinemikhono emide. Kaloku eso sasisinxibo seentombi ezizalwa komkhulu ngaloo mihla.
19 Wazigalela ngothuthu entloko uTamare, wasikrazula eso sambatho sakhe side, wathwala izandla entloko, wasitsho isikhalo, ebheka ngakowabo.