11 Umfazi lowo wathi: “Nceda, mhlekazi, uthandaze *kuNdikhoyo uThixo wakho ukuba abaphindezeli bangambulali umntwana wam, ndize ndisale ndingenanyana.”Yena wathi: “Ehleli nje uNdikhoyo, akukho bani uya kumthi cha nakancinane unyana wakho!”
12 Umfazi wathi: “Mhlekazi, nceda usivumele isicakakazi sakho, sibe nelizwi esilibhekisa kuwe.”“Ewe, thetha,” utshilo ukumkani.
13 Wathi ke loo mfazi: “Ke, mhlekazi, uyenzeleni into efana nale kangaka kubantu bakaThixo? Kaloku, mhlekazi, uzigweba ngokwakho ngale ntetho yakho, kuba kwawena akuvumi abuyele ekhaya unyana wakho obhacileyo.
14 Sonke simelwe kukufa, siphalale njengamanzi angenakubuya akhiwe. Kambe uThixo akawucimi umphefumlo, koko wenza icebo lokuba obhacileyo ambuyise.
15 Into endizise kuwe, mhlekazi, ngabantu abandisongelayo; ndiziswe lithemba lokuba uya kundenzela loo nto ndiyicelayo kuwe.
16 Bendisazi ukuba uya kundiva, mhlekazi, undihlangule kunye nomntwana wam kubantu abafuna ukusicima singabikho phakathi kwabantu abemi kumhlaba abawunikwa nguThixo ukuze ube lilifa lethu.
17 “Bendisazi ukuba uya kuthetha nje kutsho kuphele amaxhala kum, kuba wena, mhlekazi, uyakwazi ukwahlula okuhle kokubi kanye njengesithunywa sikaThixo. Wanga ke uNdikhoyo uThixo wakho angaba nawe.”