4 Wayeqhubeka athi uAbhasalom: “Akwaba ibindim umntu ochophela amatyala kweli lizwe! Bebeya kuza kum bonke nezimangalo zabo, ndibagwebele kakuhle.”
5 Kwakusithi kwakufika umntu aze akhahlele, uAbhasalom amthi hlasi ngesandla, amphakamise, amwole, amange.
6 Loo nto wathi rhoqo ukuyenza kuwo onke amaSirayeli awayesiza komkhulu ematyaleni. Waba ke uyaziba iintliziyo zamaSirayeli ngaloo ndlela.
7 Emva kweminyaka emine uAbhasalom ubhekise kukumkani wathi: “Mhlekazi, ndiyakucela ndikhulule ndiye kuzalisekisa isibhambathiso endasenza *kuNdikhoyo eHebron.
8 Kaloku ndandenze isifungo ngokuya ndandisahlala eGeshuri kwelama-Aram, ndathi uNdikhoyo ndiya kumenzela idini xa andibuyisele ekhaya eJerusalem.”
9 Ukumkani wathi kuye: “Hamba ngoxolo.”Wesuka ke wemka uAbhasalom waya eHebron.
10 Kanti wayeshiye ethume oongcothoza kuzo zonke izizwe zakwaSirayeli esithi: “Xa nithe neva umtyangampo wesigodlo, ze nithi: ‘UAbhasalom ungukumkani eHebron!’ ”