12 Isidumbu sika-Amasa esasilijaja ligazi sasiqungquluze phakathi endleleni. Loo ndoda yathi yakubona amadoda afika eme apho, yasirhuqela entsimini eso sidumbu, yasigquma ngengubo.
13 Emva koko ke wonke umntu walandela uJowabhi, kuzingelwa uShebha unyana kaBhikri.
14 UShebha wawutyhutyha wonke ummandla wezizwe zakwaSirayeli, wada waya kutsho kwidolophu iAbhele-bhete-mahaka, elandelwa nguwo wonke umzi wakwaBhikri.
15 UJowabhi nomkhosi wakhe bamngqinga uShebha apho eAbhele-bhete-mahaka. Benza amanqwanqwa ngomhlaba okuqabela udonga lwangaphandle, bemba ngaphantsi kodonga, befuna ukuluwisa.
16 Kweso sixeko kwakukho umfazi owayehlakaniphile. Wamemeza engaphakathi, wathi: “Khawuphulaphule apha. Nceda undibizele uJowabhi; ndifuna ukuthetha naye.”
17 Efikile uJowabhi, wabuza loo mfazi wathi: “UnguJowabhi?”Wathi: “Ewe, ndinguye.”Umfazi lowo wathi kuye: “Khawuphulaphule ke, mhlekazi, oko isicakazana sakho sikuthethayo.”Yena wathi: “Ewe, qhuba, ndimamele.”
18 Umfazi lowo wathi: “Kudala kwakudla ngokuthiwa: ‘Yiya kwidolophu iAbhele, uye kuvisa khona.’ Yayisenziwa ke loo nto.