21 Wabulala nesigantsontso somJiputa ophethe umkhonto. UBhenaya wamgqebha ngebhunguza, hlasi loo mkhonto, wamgwaza kwangawo loo mJiputa.
22 Zazinjalo ke izigigaba zikaBhenaya unyana kaJoyada; naye wayedume njengaloo magorha mathathu.
23 Wayebalasele phakathi kwaloo magorha angamashumi amathathu, kodwa wayengabandakanywanga kuloo magorha mathathu. UDavide wamenza inkokheli yabalindi bokumkani.
24 Kuloo magorha angamashumi amathathu kwakukho aba:YayinguAsayeli umntakwabo-Jowabhi,uEl-hanani unyana kaDodo waseBhetelehem,
25 uShama waseHarodi,uElikana waseHarodi,
26 uHeleze wasePeleti,kunye noIra unyana kaIkeshe waseTekowa.
27 Wayelapho uAbhiyezere waseAnatoti,noMebhunayi waseHusha,