3 Uthethile uThixo kaSirayeli;iliwa lokhuselo likaSirayeli libhekise kum lathi:“Lowo kumkani ulawula ngobulungisa,lowo ulawula esoyika uThixo,
4 uqaqamba ngokwelanga ngomsobomvu ngentsasa engenamafu,lona liqaqambis' umhlaba emva kwemvula,lintshulise ingca emhlabeni.”
5 UThixo ukuzinzisile ukulawula kwenzala yam,kub' undenzel' umnqophis' ongasoz' ujike,umnqophis' ongayi kwaphulwa,dinga elingagugiyo.Uya kuluphumelelisa usindiso lwam,awufezekise wonke umnqweno wam.
6 Kodwa amatshijolo ngamev' alahliweyo;ziinkuni ezingathezwayo ngokuhlaba.
7 Wona abanjwa ngesixhobo sentsimbi,okanye atyhalwe ngomphini womkhonto,atshiselwe kuloo ndawo akuyo.
8 Ngawo la amagama amagorha omkhosi kaDavide: nguYoshebhe-bhashebhete waseTakemon kuqala, owayeyinkokheli yamagorha amathathu. Walwa namakhulu asibhozo amadoda eyedwa, wawabulala onke ngomkhonto wakhe kwidabi elinye.
9 Olandelayo nguElazare unyana kaDodo umAhoyi. Engomnye wamagorha amathathu nje, yena wayekunye noDavide xa bacela umngeni kumaFilistiya awayeze edabini. Abuya umva amaSirayeli,