7 Wona abanjwa ngesixhobo sentsimbi,okanye atyhalwe ngomphini womkhonto,atshiselwe kuloo ndawo akuyo.
8 Ngawo la amagama amagorha omkhosi kaDavide: nguYoshebhe-bhashebhete waseTakemon kuqala, owayeyinkokheli yamagorha amathathu. Walwa namakhulu asibhozo amadoda eyedwa, wawabulala onke ngomkhonto wakhe kwidabi elinye.
9 Olandelayo nguElazare unyana kaDodo umAhoyi. Engomnye wamagorha amathathu nje, yena wayekunye noDavide xa bacela umngeni kumaFilistiya awayeze edabini. Abuya umva amaSirayeli,
10 kodwa yena wangena kuwo amaFilistiya, wabetha sada isandla sakhe sagogeka yinkantsi, watsho akabi nako ukuliyeka ikrele lakhe. *UNdikhoyo watshatshela edabini loo mini. Igalelo labalandeli bakaElazare kwelo dabi yaba kukuthimba impahla yabawileyo.
11 Olandelayo nguShama unyana ka-Age waseHarari. Waqubisana namaFilistiya eLehi ngasentsimini yeentlumayo. Abaleka amaSirayeli,
12 wema yena uShama, walwa ekhusela loo ntsimi, afa amaFilistiya, watshatshela uNdikhoyo.
13 Kwakha kwathi kanye xa kusondela ixesha lokuvuna, kwasuka isithathu kuloo madoda angamashumi amathathu aziintloko zomkhosi kaDavide, saya kuye kumqolomba waseAdulam, lo gama wona umkhosi wamaFilistiya umise ngakwintili yamaRafa.