14 Emva koko uDavide uthumele isigidimi kuIshbhoshete unyana kaSawule, wathi: “Ndikhululele umkam endamlobola ngamajwabu amaFilistiya alikhulu.”
15 UIshbhoshete wathi makaye kulandwa uMikali kwaPaltiyeli unyana kaLayishe, umyeni wakhe wesibini.
16 Suka uPaltiyeli walandela umfazi, ehamba elila njalo ukuya kutsho eBhawurim. Wathi kuye uAbhinere: “Jika! Uya phi?” Wajika wagoduka uPaltiyeli.
17 Ke kaloku uAbhinere wabhekisa kumadoda amakhulu akwaSirayeli, wathi: “Kudala ninqwenela ukulawulwa nguDavide.
18 Nali ke ngoku elo thuba. Ze nikhumbule ukuba nguNdikhoyo owathi kuDavide: ‘Sisicaka sam uDavide endiya kukhulula abantu bam amaSirayeli ngaso kumaFilistiya nakuzo zonke iintshaba zabo.’ ”
19 Waya nakwaBhenjamin uAbhinere, wawubhekisa nakubo lo mlomo. Usuke apho waya kuDavide eHebron, wamchazela ngeembono zabantu bakwaBhenjamin nabakwaSirayeli.
20 Kwathi akuya eHebron uAbhinere, ehamba namashumi amabini amadoda, beye kuDavide, bafika behlinzekelwe.