25 Wazi kakuhle ukuba uAbhinere into kaNere ebeze kukukhohlisa; ubeze kugqala le nto uqamele ngayo nayo yonke enye into oyenzayo.”
26 Uthe uJowabhi ukusuka kwakhe kuDavide wathuma amadoda, esithi makaye kulanda uAbhinere. Amlanda ke kwelaa qula laseSira. Wayengazi nto kambe uDavide ngalo mbandela.
27 Ukufika kwakhe eHebron uAbhinere, uJowabhi wambizela bucala ngasesangweni, ngokungathi uza kuthetha naye ngasese. Bathe beselapho suka uJowabhi wamhlaba uAbhinere esiswini, wafa. Waba ke njalo uJowabhi uyaliphindezela igazi lomntakwabo uAsayeli owabulawa nguAbhinere.
28 Luthe lakufika ezindlebeni zikaDavide udaba lokugwintwa kuka-Abhinere, wavakala esithi: “Mna kunye nabantu abaphantsi kwam simsulwa kubugebenga obenziwe kuAbhinere unyana kaNere, nkqu *uNdikhoyo uyayazi loo nto.
29 Isiqalekiso sale ntlekele masihlele uJowabhi nomzi wakowabo. Makusoloko kukho umntu onegcushuwa, iqhenqa, osimelela ngenduku, okanye owa edabini, nesilambi.”
30 Kwaba njalo ke ukuphindezela ukufa kuka-Asayeli edabini laseGibheyon. Kwaphindezelwa nguJowabhi kunye nomntakwabo uAbhishayi.
31 Emva koko uDavide wathi kuJowabhi kwakunye nabantu bonke ababenaye: “Zikrazuleni izambatho zenu, ninxibe amarhonya, nimzilele uAbhinere.”Kumngcelele womngcwabo ukumkani uDavide ngenkqu wayelandela idlaka.